Izilawuli Zemoto

Izilawuli Zemoto: Isithuthuthu

Ukuchongwa kwezilawuli - Isithuthuthu

Izilawuli Zesithuthuthu

Injongo kukwazisa umfundi oqhubayo ngezahlulo eziphambili ezibonakalayo zemoto. Injongo kwakhona kukunceda umfundi oqhubayo ukuba achonge izilawuli ekufuneka zisetyenziswe kunye ukugqibezela isenzo esithile. Izilawuli/izahlulo zesithuthuthu zezi zilandelayo.

Izilawuli Zemoto: Isithuthuthu
  • 1. Intonga Yegiya — isetyenziselwa ukutshintsha/ukukhetha igiya.
  • 2. I-clutch — isetyenziswa xa ufaka okanye ukhupha igiya okanye utshintsha usuka kwelinye igiya uye kwelinye.
  • 3. Izipili Zasekhohlo Nezasekunene Zokujonga Ngasemva — zisetyenziselwa ukujonga okungasekunene nokungasekhohlo ngasemva kwesithuthuthu sakho.
  • 4. Ibhreyiki Yangaphambili — isetyenziswa kunye nebhreyiki yangasemva ukumisa isithuthuthu ngokupheleleyo.
  • 5. Isilawuli Sepetroli (Throttle) — sisetyenziselwa ukulawula ukufakwa kwepetroli enjinini ukonyusa okanye ukunciphisa isantya sesithuthuthu sakho.
  • 6. Iswitshi Yesibane Sesalathisi — isetyenziselwa ukwazisa abanye abasebenzisi bendlela ngenjongo yakho yokuqondisa ekhohlo okanye ekunene, okanye ukujikela ekhohlo okanye ekunene. (ingakumbi xa utshintsha imizila)
  • 7. Ibhreyiki Yangasemva (esebenza ngonyawo) — isetyenziselwa ukumisa isithuthuthu sakho, ukunciphisa isantya okanye ukuma ngokupheleleyo.

    Xa ubhreyika umgama okuthatha wona umqhubi wesithuthuthu ukuba ame,
    (i) mde ngakumbi endleleni emanzi kunendlela eyomileyo.
    (ii) mde ngakumbi ukuba isithuthuthu sihamba ngesantya esiphezulu.
    (iii) mde ngakumbi ukuba isithuthuthu silayishiwe.
  • 8. Isibambo — sisetyenziselwa ukutshintsha icala lesithuthuthu. ukujikela ekhohlo okanye ekunene okanye ukugcina sihamba sithe ngqo.
  • 9. Itanki Yepetroli — isetyenziselwa ukugcina ipetroli